Umama Pat Nkonyeni wase Mbizana phantsi ko Maspala iWinnie Madikizela Mandela, imvumi eyaziwayo edume ngomculo wezenkolo neyathi yawelwa ngumqa esandleni ngokuthweswa imbasa ye Award as the best song writer e Carletonville kunyaka ophelileyo 04/12/2022
“ithemba lokubuya nezinye iAwards unalo kuba uThixo awuceli sonka kuye akunike ilitye”
Umama Pat Nkonyeni wase Mbizana phantsi ko Maspala iWinnie Madikizela Mandela, imvumi eyaziwayo edume ngomculo wezenkolo neyathi yawelwa ngumqa esandleni ngokuthweswa imbasa ye Award as the best song writer e Carletonville kunyaka ophelileyo 04/12/2022 nethe yachongwa ukuvakashelwa kwingingqi yayo eNyaka eBizana ngabaphathi bama Award ase Carletonville uthi ke lo mama " it was her first time to be nominated kuma Awards nanjengoba esanda kuqala ukucula, kumvuyisa kakhulu ukufika kwe ndwendwe eBizana apho azalwa nakhulele khona".
Ama artist ase Bizana sele ebhinqele phezulu alinde olosuku lukhulu ukanti nawase Carletonville akazibekanga phantsi ayeza ukuzovuyisana no mama Pat abambiza Mother or President e Gauteng. Umnumzana Kidwell Dingiso kwi Executive yama Awards uthi umama Pat Nkonyeni ufanelwe oku ngendlela asebenza ngayo as a Gospel artist ukanti selemdala, uthi banovuyo olukhulu ukusebenzisana nesiquququ esinjengo mama Pat iAward yakhe uyifumane ngenxa yokusebenza nzima ukuqamba engalali waphuma phambili as the best song writer isiphiwo esinqabileyo ikakhulu kubantu abadala kwanabatsha.
Uthi ufumana umama Pat encedisa kakhulu kuma artist amatsha emculweni ewazama ukuba aphumelele kwizakhono zawo nto leyo ibalulekileyo kulutsha ukuphuhlisa amakhono alo. I Winnie Madikizela Mandela Municipality izamkele indwendwe ukuba zikhululeke kulo msitho ibonga kanjalo nge gxathu lika mama Pat Nkonyeni ngokuba sisibonelo kulutsha ikakhulu oseluphelelwe lithemba, oluzinikela kwiziyobisi, kulutsha olumitha luseluncane nakubu ndlobongela.
Kwakhona umama Pat Nkonyeni ubuye wazigqatsa nakulo nyaka kwi KZN Namuhla Awards akwa Zulu Natal ne Annual National Amaciko,Ngoma Music Awards ase Carletonville wahlanganisa iProvince ezintathu emnye. Sithetha naye umama Pat Nkonyeni uthi “ithemba lokubuya nezinye iAwards unalo kuba uThixo awuceli sonka kuye akunike ilitye”. Ithemba lakhe linye ngumthandazo nezethembiso zika Bawo amkhonzayo.
Comentários