top of page
Writer's picturePhuti Ramaphakela

Kuyakhanya nangapha komqolomba: Nyamezela ngenkalipho


Isithombe: Nikiwe Ludidi

Ekunyamezeleni ukhona umvuzo, umzingisi akanashwa nosind'ezama akanatyala ngemizamo yakhe. "Amaphupho ayafezeka imithandazo iyaphendulwa" ngamazwi kaNikiwe Ludidi noneminyaka eyi36 yimbokodo ezakhele igama kumculo wesintu kunye nomculo wesiMpondo abawubiza ngokuba yimfene ekwakho ke nakowokholo. Wazalelwa wakhulela kwidolophana yaseLady Frere kuNdonga ongezantsi. 

Oluhambo lwatyalwa esikolweni emva kokuba wazibandakanya neqela lomculo wafumanisa ukuba ukuculula yeyonanto ayithandayo. " Ndiye ndafumanisa ukuba ukuculula yeyonanto ngiyiphiweyo nendiyiphathisiweyo emazulwini" utshilo uNikiwe. Wabona ukuba ayikho enye into angayenza ebomini ngaphandle kokucula. Ngenxa yokusebenza nzima nokuzinikela kuye kwachuma apho atyale khona ngokuba sele enamacwecwe amahlanu. Ngoba ke ekunyamezeleni ukhona umvuzo uzibone ephumelela indondo yakhe yokuqala eNorthwest Calltonville. "Ndaphinda futhi ndaphumelela indodo yesibini kulonyaka nge20 kweyeSilimela eLusikisiki" uqhubeke watsho uNikiwe. Ngemisebenzi kaMdali ke uphinde wazibone ephumelela indodo kwakulonyaka ngomhla we7 kweyoMsintsi KZN Namuhla Artists Awards (Best Gospel Artist) 

Inyathi ke ibuzwa kwabaphambili nomazi wendlela ngumhambi wayo noNikiwe ubone kufanele ukuba aphose amazwi ambalwa kubantu abafuna ukuqala oluhambo lomculo. "Kufuneka ubenentliziyo enenzondelelo enyamezelayo ngoba ayikho lula lendlela" utshilo umculi. Ngenxa yobude bendlela naye zininzi iingqinamba neengxaki athe wahlangabezana nazo koluhambo kodwa akalahlanga themba.

"Kufuneka uthobeke uzihloniphe uhloniphe nabanye abantu impumelelo ikhona kufuneka isibindi sokuzithemba ufunze edabini uthandaze kuMdali uwacenge amanyange akukhanyisele" uqhubeke watsho uNikiwe. Kubantu ke abanomdla wokumqasha bangaqhangamshelana naye kulenombolo 071 841 2980 uyafumaneka nakumakhasi onxibelelwano uFacebook @Aschumise Ludidi | nakuTiktok ikwangu @Aschimise Ludidi | Nakuzozonke digital platforms uyafumaneka.

 

 

 

 


6 views0 comments

Comments


bottom of page